از برنامه APKPure استفاده کنید
نسخه قدیمی APK Nonwabe Emtshatweni را برای اندروید بگیرید
Nonwabe Emtshatweni - Happy marriage
Ukuze umtshato uhlale uhleli, isibini esitshatileyo simele sibe nembono efanelekileyo ngokuzibophelela. Kwiincwadi nakwimifanekiso eshukumayo, umtshato udla ngokuba nesiphelo esihle esinqwenelwayo ngabantu. Kodwa, kubomi bokwenene, umtshato awusosiphelo; usisiqalo—isiqalo sento uYehova ayiyilele ukuba ihlale ihleli. (Genesis 2:24) Okulusizi kukuba, abantu abaninzi kwihlabathi lanamhlanje ababoni njalo. Kwezinye iindawo, abantu bachaza umtshato njengokuzibophelela ngeqhina. Basenokuba abayiqondi kakuhle indlela lo mzekeliso oyichaza ngayo imbono yabantu abaninzi ngomtshato. Njani? Ngoxa iqhina elibotshwe kakuhle lifanele liyiqinise into ixesha elide kangangoko kufuneka, enye into ngeqhina kukuba linokuqhinwa lula lize likhululwe lula.
Abaninzi namhlanje bawujonga umtshato njengento yexeshana. Bayawungxamela kuba becinga ukuba uza kwanelisa iimfuno zabo, kodwa ke bekwalindele nokuwubaleka xa kuvela iingxaki. Noko ke, khumbula ukuba umzekeliso osetyenziswa yiBhayibhile wona uthi umtshato ufana nentambo. Iintambo ezisetyenziswa kwiinqanawa zenziwa ngohlobo lokuba zihlale zihleli, zingaze zicazululeke, kwanaxa kukho uqhwithela olunamandla. Ngendlela efanayo, umtshato wenzelwe ukuba uhlale uhleli. Khumbula amazwi kaYesu athi: “Oko uThixo akubophelele ngedyokhwe ndawonye makungahlukaniswa mntu.” (Mateyu 19:6) Ukuba uyatshata, ufanele ube nembono efanayo ngomtshato. Ngaba loo nto iwenza ube luxanduva umtshato? Nakanye.
Last updated on 31/08/2017
Minor bug fixes and improvements. Install or update to the newest version to check it out!
بارگذاری شده توسط
Krishna Kumari
نیاز به اندروید
Android 4.0.3+
دسته بندی
گزارش
Nonwabe Emtshatweni
273.0.0 by Applications Android
31/08/2017